

BONA XHOSA - July 1995 91


UNONOPHELO LOMLOMO
LWEC OLGATE
lColgate Baking Soda  iwushiya umlomo wakho ucocekile, unoncumo oluhle.

lntlama mazinyo entsha yakwacolgate yiColgate Baking Soda. Le ntlama yamazinyo entsha eneBaking Soda yeyona mveliso intle ekugcineni umoya wakho unuka kamnandi noncumo lwakho lusempilweni.
Ukutya okunencasa maxa wambi kuba nezithako ezihlalayo emilonyeni ezenza ukuba ube nevumba elibi.
Utywala, igalikhi, intlanzi nokunye ukutya kwaselwandle zezinye zezona zinto zenza ube nomphefumlo onevumba elibi. Iilekese nokutya okuneswekile kuhlala phakathi kwamazinyo neentsini, zihlasele amazinyo zikhuthaze ukubola nokwenza ivumba elibi.
Kubalulekile ukuba utye ukutya okucocisisayo rhoqo - okufana neeapile, i-celery,
iminqathe engaphekwanga
kunye neeorenji. Kuphungula ukwakheka kwe-plaque kuncede ukuthambisa nokukhaliphisa iintsini zakho. Kodwa akwanelanga ukuze ube noncumo oluqaqambileyo nolusempilweni.
Kubalulekile ukusoloko usebenzisa intlama yamazinyo icolgate Baking Soda - ubuncinane kabini ngemini, emva kokutya. lcolgafe Baking Soda, enencasa yeminti iwacoca iwapholishe ngononophelo amazinyo akho iwashiye engarhwexi yaye engena- plaque -abe ngathi asanda kucocwa ngugqirha wamazinyo.
Wuhlambulule umlomo emva kokuxukuxa ukuze kusuke iintsalela zokutya ezishiyeka xa uwabrasha. Zisuse ezo zincamatheleyo ngokusebenzisa i-floss yamazinyo - ekwathambisa iintsini. Ngokuvelisa intlama yamazinyo eyiColgate Baking Soda abakwacolgate balwenze lula unonophelo lwakho lwamazinyo, ngoku uza kuba noncumo olusempilweni nolupholileyo.
Oogqirha bamazinyo bakhetha icolgate ukuze babe noncumo olusempilweni!
linkcukacha ngecolgate Baking Soda zifumaneka ngokubhalela kule dilesico!gate Oral Care,P.O.Box 3320, Parklands, 2121.
